Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova.