Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangàmbanjazelelwa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.