Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 16:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Uze ungazeki mfazi, ungabi nanyana nazintombi kule ndawo.

3. Ngokuba uYehova utsho ngoonyana neentombi ezizalelwa kule ndawo, nangoonina ababazalayo, nangooyise ababazalayo kweli lizwe, ukuthi,

4. Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangàmbanjazelelwa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.

5. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova.

6. Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangàngcwatywa, kungàmbanjazelwa ngenxa yabo, kungàcentwa, kungàchetywa ntloko ngenxa yabo;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 16