Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 9:23-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Wabandisa oonyana babo njengeenkwenkwezi zezulu; wabazìsa kwelo zwe, wàthi kooyise mabaze balihluthe.

24. Bangena ke oonyana abo, balihlutha ilizwe elo; wabathoba phambi kwabo abemi belizwe, amaKanan, wawanikela ezandleni zabo, ookumkani bawo nezizwe zelizwe elo, ukuba benze kuzo ngokuzithandela kwabo.

25. Bayithimba imizi enqatyisiweyo, nomhlaba otyebileyo; bahlutha izindlu zizele zizinto zonke ezintle, amaqula ambiweyo, nezidiliya, nezinquma, nemithi edliwayo yamininzi. Badla, bahlútha, batyeba, baziyolisa ngokulunga kwakho okukhulu.

26. Besuka baphika, bagwilika kuwe, umyalelo wakho bawuphosela emva komhlana wabo, bababulala abaprofeti bakho ababengqina kubo, ukuba bababuyisele kuwe; bakugiba kakhulu.

27. Wabanikela ezandleni zababandezeli babo, bababandezela. Ngexesha lokubandezelwa kwabo bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabanika abasindisi ngokweemfesane zakho ezinkulu, babasindisa ezandleni zababandezeli babo.

28. Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi.

29. Wangqina ngabo, ukuba ubabùyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bóna kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.

30. Wabathwala iminyaka emininzi, wangqina ngabo ngoMoya wakho, ngabaprofeti bakho; àbakubekela ndlebe; wabanikela ke ezandleni zezizwe zamazwe.

31. Ke ngeemfesane zakho ezinkulu akubagqibanga kuphele, akubashiyanga; ngokuba unguThixo onobabalo, nemfesane.

32. Kaloku, Thixo wethu, Thixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ogcina umnqophiso nenceba, mayingabi ncinane phambi kwakho yonke indiniso esiyifumeneyo thina, nookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, nabaprofeti bethu, noobawo, nabantu bakho bonke, kususela kwimihla yookumkani baseAsiriya, kude kube yile mini.

33. Ùlilungisa entweni yonke esifikeleyo; ngokuba wena wenzé inyaniso, ke thina senzé okungendawo.

34. Ookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, noobawo, abawenzanga umyalelo wakho, abazibazanga iindlebe emithethweni yakho, nasezingqinweni zakho, owangqina ngazo ngabo.

35. Bòna, ebukumkanini babo, ekulungeni kwakho okukhulu owabanikayo, ezweni elibanzi, elityebileyo, owabanikayo, àbakukhonzanga, ababuyanga ezenzweni zabo ezibi.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 9