Wangqina ngabo, ukuba ubabùyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bóna kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.