Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 2:2-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wathi ukumkani kum, Kungani na ukuba ubuso bakho bube nje, ukuba bubi, ungafi nje? Le nto bububi bentliziyo, asinto yimbi.

3. Ndoyika ke kakhulu kunene. Ndathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade. Bebungáthini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi lowa, indawo yamangcwaba oobawo, amasango awo etshiswe ngomlilo?

4. Wathi ukumkani kum, Ùfuna ntoni na ke? Ndathandaza ke kuThixo wamazulu.

5. Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba umkhonzi wakho lo úthe walungisa phambi kwakho, ndinga ungandithuma kwaYuda, kuwo umzi wamangcwaba oobawo, ndiwakhe.

6. Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli ngasecaleni lakhe), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? Wòbuya nini na? Kwalunga ke kukumkani ukundithuma, ndakuba ndimmisele ixesha.

7. Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe incwadi eya kumabamba aphesheya koMlambo,* andiyeke ndidlule ndide ndiye kufika kwaYuda;

8. nencwadi eya kuAsafu, umgcini wehlathi lokumkani, ukuba andinike imithi yemiqadi yamasango enqaba elunge kwindlu, neyodonga lomzi, neyendlu endiya kuhlala kuyo.Wandinika ke ukumkani ngokwesandla sikaThixo esilungileyo esiphezu kwam.

9. Ndafika kumabamba anganeno koMlambo, ndawanika iincwadi zokumkani. Ke kaloku ukumkani ubendikhuphele nam abathetheli bempi, nabamahashe.

10. Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, bakuyiva loo nto, kwaba kubi kubo ngobubi obukhulu, ukuba kufike umntu ofuna ukuba kulunge koonyana bakaSirayeli.

11. Ndafika ke eYerusalem, ndaba neentsuku zantathu khona.

12. Ndesuka ebusuku, mna ndinamadoda ambalwa. Àndixelelanga mntu into abeyingenise entliziyweni yam uThixo wam, ukuba ndiyenzele iYerusalem. Ndibe ndingenamaqegu, ibilelo lodwa bendikhwele kulo.

13. Ndaphuma ke ebusuku ngesango lomfula, ndasinga emthonjeni wenamba, nasesangweni lezàla, ndilolonga iindonga zeYerusalem ezibe ziqhekekile, namasango ayo abetshiswe ngomlilo.

14. Ndagqithela esangweni lomthombo, nasechibini lokumkani; akwabakho ndawo yokuba lithubeleze kuyo iqegu endandikhwele kulo.

15. Ndakhweza ke isihlambo ngobusuku, ndilolonga udonga, ndabuya ndangena ngesango lomfula; ndabuya ke.

16. Ke kaloku abaphathi babengazi apho ndandiye khona, nento endandiye kuyenza; bendingekawaxeleli amaYuda, nababingeleli, nabanumzana, nabaphathi, nabanye abenza umsebenzi.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 2