Ndoyika ke kakhulu kunene. Ndathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade. Bebungáthini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi lowa, indawo yamangcwaba oobawo, amasango awo etshiswe ngomlilo?