Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 55:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingàkwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.

12. Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundèzwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.

13. Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare,* esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile;* oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 55