Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 47:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndába noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho.

7. Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade; wada akwakunyamekela oko ngentliziyo, akwalikhumbula ikamva lakho oko.

8. Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.

9. Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho.

10. Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi, wathi, Akukho undibonayo; ubulumko bakho nokwazi kwakho kúko okukuphambanisileyo; wathi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi.

11. Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo.

12. Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa.

13. Ùdiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo.

14. Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo.

15. Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 47