Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 45:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo; izandla zam, mna lo zaneka izulu, nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho.

13. Mna ndimvelisile ngobulungisa, ndiya kuzilungelelanisa iindlela zakhe zonke. Yena uya kuwakha umzi wam, abakhulule abafuduswa bam, kungarholwanga nani, kungarholwanga sicengo; utsho uYehova wemikhosi.

14. Utsho uYehova ukuthi, Ukuxelenga kweYiputa nokurhweba kukaKushi nokwamaSebha, abafo abanewonga, kuya kuwelela kuwe kube kokwakho. Baya kuhamba emva kwakho, baya kuwela benemixokelelwane, baqubude kuwe; baya kuthandaza kuwe, besithi, Inene, úkuwe uThixo; akusekho thixo, akukho nokuba abe mnye.

15. Inyaniso, ùnguThixo ozisithelisayo, Thixo kaSirayeli, Msindisi.

16. Baya kudana, kananjalo bahlazeke bonke bephela; baya kuhamba behlazekile kunye abaziingcibi zezithixo.

17. USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.

18. Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi.

19. Andithethanga entsithelweni, endaweni emnyama yelizwe; anditshongo embewini kaYakobi ukuthi, Ndiquqeleni enyanyeni. Mna Yehova ndithetha ubulungisa, ndixela into ethe tye.

20. Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: àbanakwazi ábathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, ábathándazi bothixo ongásindisiyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 45