Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 41:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe.

4. Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye.

5. Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza.

6. Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela.

7. Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo.

8. Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam;

9. endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile;

10. musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

11. Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe.

12. Ùya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe.

13. Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingóthi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna.

14. Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.

15. Yabona, ndikwenzé isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzibhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ.

16. Ùya kuzela, umoya uzithabathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli.

17. Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lomè linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 41