Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 41:1-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yithini tu phambi kwam, ziqithi; izizwe mazihlaziye amandla; mazize zisondele, zandule zithethe; masiqubisane ematyaleni.

2. Ngubani na ovuse empumalanga lowo ukhawulelwa bubulungisa ezinyaweni zakhe? Unikela iintlanga phambi kwakhe, unyathela ookumkani, ubanikela ekreleni lakhe njengothuli, esaphetheni sakhe njengomququ ophetshethwayo.

3. Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe.

4. Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye.

5. Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza.

6. Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela.

7. Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo.

8. Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam;

9. endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile;

10. musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

11. Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe.

12. Ùya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe.

13. Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingóthi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna.

14. Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.

15. Yabona, ndikwenzé isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzibhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ.

16. Ùya kuzela, umoya uzithabathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli.

17. Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lomè linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.

18. Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 41