6. kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mané namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli.
7. Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli;
8. anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyênziwa yiminwe yakhe, noAshera,* nezithixo zelanga.
9. Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyáyo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala.
10. Ngokokuba ùmlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini.
11. Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakho — sisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo.
12. Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla!
13. Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi.
14. Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo.