Kwaoko lazaliswa ilizwi kuNebhukadenetsare; wagxothwa ebantwini, wadla utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, zada iinwele zakhe zakhula, zanjengeentsiba zamaxhalanga, neenzipho zakhe zanjengezeentaka.