Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:30-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Wasusela ukumkani wathi, Le asiyiyo na iBhaqheli enkulu, endiyakhele ukuba ibe yindlu yobukumkani ngokuqina kwamandla am, nangenxa yobuhandiba bobungangamsha bam?

31. Lithe elo zwi lisesemlonyeni wokumkani, kwawa izwi emazulwini, lisithi, Kuthiwe kuwe, Nebhukadenetsare kumkani, ubukumkani bumkile kuwe.

32. Ùya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.

33. Kwaoko lazaliswa ilizwi kuNebhukadenetsare; wagxothwa ebantwini, wadla utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, zada iinwele zakhe zakhula, zanjengeentsiba zamaxhalanga, neenzipho zakhe zanjengezeentaka.

34. Ekupheleni kwemihla, mna, Nebhukadenetsare, ndawaphakamisela ezulwini amehlo am; ukwazi kwam kwabuyela kwakum, ndambonga Osenyangweni, ndamncoma, ndambeka ohleli ngonaphakade, ogunya liligunya elingunaphakade, obukumkani bunezizukulwana ngezizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4