Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:28-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Konke oko kwamfikela ukumkani uNebhukadenetsare.

29. Ekupheleni kweenyanga ezilishumi elinambini, wayehambahamba phezu kwebhotwe lokumkani laseBhabheli.

30. Wasusela ukumkani wathi, Le asiyiyo na iBhaqheli enkulu, endiyakhele ukuba ibe yindlu yobukumkani ngokuqina kwamandla am, nangenxa yobuhandiba bobungangamsha bam?

31. Lithe elo zwi lisesemlonyeni wokumkani, kwawa izwi emazulwini, lisithi, Kuthiwe kuwe, Nebhukadenetsare kumkani, ubukumkani bumkile kuwe.

32. Ùya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.

33. Kwaoko lazaliswa ilizwi kuNebhukadenetsare; wagxothwa ebantwini, wadla utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, zada iinwele zakhe zakhula, zanjengeentsiba zamaxhalanga, neenzipho zakhe zanjengezeentaka.

34. Ekupheleni kwemihla, mna, Nebhukadenetsare, ndawaphakamisela ezulwini amehlo am; ukwazi kwam kwabuyela kwakum, ndambonga Osenyangweni, ndamncoma, ndambeka ohleli ngonaphakade, ogunya liligunya elingunaphakade, obukumkani bunezizukulwana ngezizukulwana.

35. Baye bonke abemi behlabathi bebalelwe ekubeni yinto engento, esenza yena ngokuthanda kwakhe empini yasemazulwini, nakubemi behlabathi. Akukho bani ubethayo esandleni sakhe, athi kuye, Wènza ntoni na?

36. Kwaoko ukwazi kwam kwabuyela kwakum; nangenxa yobuhandiba bobukumkani bam, ubungangamsha bam nokutyatyamba kwam kwabuyela kwakum. Àndifuna amaphakathi am nezikhulu zam; ndabuyiselwa ebukumkanini bam, ndongezwa ubukhulu obuncamisileyo.

37. Kaloku, mna Nebhukadenetsare, ndiyamncoma, ndimphakamisa, ndimbeka uKumkani wamazulu; ngokuba yonke imisebenzi yakhe iyinyaniso, neendlela zakhe zisesikweni; nangokuba enako ukubathoba abahamba beqhankqalazile.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4