Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 22:33-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona.

34. Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya.

35. Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.

36. Weva uBhalaki ukuba uBhileham uyeza. Waphuma waya kumhlangabeza emzini wakwaMowabhi osemdeni waseArnon, ekupheleni komda.

37. Wathi uBhalaki kuBhileham, Andikuthumelanga na ndiqinisile ukuba ndikubize? Yini na ukuba ungezi kum? Ndihleli nje, andinako na ukukuzikisa?

38. Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe; ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona.

39. Wahamba uBhileham noBhalaki, bafika eKiriyati-hutsoti.

40. Wabingelela uBhalaki iinkomo nempahla emfutshane, wathumela kuBhileham nakubathetheli ababenaye.

41. Kwathi ngomso, uBhalaki wamthabatha uBhileham, wamnyusa wamsa ezigangeni zikaBhahali.* Wabona khona wada wesa ekupheleni kwabantu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 22