Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe; ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona.