Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 21:26-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.

27. Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso:Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;

28. Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon,Ilangatye emzini wakwaSihon;Wayidla iAri yakwaMowabhi,Abaninimimango baseArnon.

29. Yeha wena, Mowabhi!Nidakile, bantu bakwaKemoshe,*Úbanikele oonyana bakhe baba ngabasabi,Iintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni,KuSihon, ukumkani wama-Amori.

30. Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon;Sababhangazisa, kwesa eNofa,Yangumlilo, kwesa eMedebha.

31. Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori.

32. Wathuma uMoses ukuba iye kuhlolwa iYazere; bawathimba amagxamesi ayo, bawagqogqa ama-Amori abekhona.

33. Bajika, benyuka ngendlela yaseBhashan.Waphuma uOgi, ukumkani waseBhashan, waya kubahlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwe e-Edreyi.

34. Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzáyo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon.

35. Bambulala yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke, kwada akwasala usindileyo; balihlutha ilizwe lakhe.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 21