Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 21:19-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.

20. Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.

21. AmaSirayeli athuma izigidimi kuSihon, ukumkani wama-Amori, esithi, Mandicande ezweni lakho;

22. asiyi kuthi gu bucala, siye emasimini nasezidiliyeni; asiyi kusela manzi equla; siya kuhamba ngomendo wenkosi, side sicande emdeni wakho.

23. Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli.

24. AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.

25. AmaSirayeli ayithabatha yonke le mizi, ahlala amaSirayeli emizini yonke yama-Amori, eHeshbhon nasemagxamesini ayo.

26. Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.

27. Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso:Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;

28. Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon,Ilangatye emzini wakwaSihon;Wayidla iAri yakwaMowabhi,Abaninimimango baseArnon.

29. Yeha wena, Mowabhi!Nidakile, bantu bakwaKemoshe,*Úbanikele oonyana bakhe baba ngabasabi,Iintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni,KuSihon, ukumkani wama-Amori.

30. Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon;Sababhangazisa, kwesa eNofa,Yangumlilo, kwesa eMedebha.

31. Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 21