Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 14:30-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. banyuse, nina nindikrokreleyo, aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.

31. Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.

32. Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;

33. oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mané, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.

34. Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mané, umhla ube ngumnyaka, niya kubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mané, nikwàzi ukunishiya kwam.

35. Mna Yehova ndithethile; inene, le nto ndiya kuyenza kweli bandla lonke lingendawo, kwaba bahlangene ngam; baya kuphela kule ntlango, bafele kuyo.

36. Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe,

37. wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, áfa sisibetho eso phambi koYehova.

38. Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.

39. Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.

40. Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siya kunyuka siye kuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.

41. Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova?

funda isahluko epheleleyo Inumeri 14