Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 14:13-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;

14. abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ùbonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku.

15. Ukuba uthe wababulala aba bantu njengadoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi,

16. Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubása abo bantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.

17. Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,

18. UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engéze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana.

19. Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathéle eYiputa wezisa apha.

20. Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.

21. Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.

22. Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,

23. wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.

24. Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiya kumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.

25. Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.*

26. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

27. Kuya kuda kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, lona eli lindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile.

28. Yithi kubo, Ndihleli nje, utsho uYehova, inene, njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni.

29. Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwáyo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe,

30. banyuse, nina nindikrokreleyo, aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.

31. Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.

32. Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;

33. oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mané, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 14