Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 11:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.

9. Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.

10. Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.

11. Wathi uMoses kuYehova, Yini na ukuba umphathe kakubi umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingàbabalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam?

12. Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibàse emhlabeni owawufungela ooyise?

13. Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle.

14. Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum.

15. Ukuba ùndenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabále; mandingabuboni ububi bam.

16. Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kum amadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.

17. Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.

18. Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.

19. Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 11