Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kum amadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.