Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.