Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 11:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kum amadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.

17. Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.

18. Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.

19. Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;

20. nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?

21. Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke ùthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela.

22. Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona na zonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?

funda isahluko epheleleyo Inumeri 11