Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:45-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Bonke ababalwáyo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli:

46. bonke ababalwáyo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.

47. Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, àbabalelwanga phakathi kwabo.

48. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

49. Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli.

50. Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni.

51. Ekundulukeni komnquba wówiswa ngabaLevi; ekumisweni komnquba wóphakanyiswa ngabaLevi; owasemzini osondelayo kuwo makabulawe.

52. Oonyana bakaSirayeli bomisa elowo intente yakhe eminqubeni yakowabo, elowo ebhanileni* yakowabo, ngokwemikhosi yabo.

53. AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1