Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 6:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Iye phi na intánda yakho,Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi?Ibheke ngaphi na intánda yakho,Ukuze sikufunise?

2. Intánda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba,Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.

3. Mna ndingowentánda yam, nentánda yam yeyam yona;Yalusela ezinyibibeni.

4. Ùyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa,Ùnomkhitha njengeYerusalem;Wòyikeka njengemikhosi eneebhanile.*

5. Wasuse amehlo akho kum,Ngokuba andiqwelile.Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhweEzisemathambekeni aseGiliyadi.

6. Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegushaEzinyukayo, zivela ekuhlanjweni,Zonke zizele amawele,Kungekho ifelweyo kuzo.

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 6