Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 90:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho,Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.

10. Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe;Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo,Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto,Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.

11. Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho,Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?

12. Sázise kanye ukuyibala imihla yethu,Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.

13. Buya, Yehova, kunini na?Uzohlwáye ngenxa yabakhonzi bakho.

14. Síhluthise kwakusasa ngenceba yakho,Simemelèle, sivuye yonke imihla yethu.

15. Sívuyise ngangemihla owasicinezela ngayo.Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 90