Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 31:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram*, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.

21. Wabaleka ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo,* wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.

22. Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.

23. Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.

24. Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

25. ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.

26. Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?

27. Yini na ukuba uzímele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndikundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.

28. Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenzé ngobudenge.

29. Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

30. Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?

31. Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.

32. Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.

33. Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 31