Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 27:27-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi,Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.

28. Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu,Nakuko ukuchuma komhlaba,Nentabalala yengqolowa, newayini entsha;

29. Izizwe mazikukhonze,Izizwe ziqubude kuwe.Yiba yinkosi kubazalwana bakho,Baqubude kuwe oonyana bakanyoko;Úqalekisiwe okuqalekisayo,Úsikelelwe okusikelelayo.

30. Kwathi, akubon' ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi, kwathi, akuthi ukuphuma uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe.

31. Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.

32. Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho.

33. UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wósikeleleka ke.

34. Ákuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndísikelele nam, bawo.

35. Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.

36. Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi* na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?

37. Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibaniké yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?

38. Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndísikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.

39. Waphendula uIsake uyise, wathi kuye,Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba,Lee nombethe wezulu ovela phezulu.

40. Ùya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho;Kuthi wakudlokova,Uyàphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.

41. UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 27