UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.