Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 36:1-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.

2. UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.

3. Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

4. Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;

5. zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.

6. Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.

7. Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukuba bayenze, yada yasala.

8. Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi,* umsebenzi wengcibi yokuluka.

9. Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite* ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné, amalengalenga alingana onke.

10. Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.

11. Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.

12. Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.

13. Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.

14. Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye.

15. Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana.

16. Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa.

17. Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye.

18. Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 36