Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 15:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Amanzi enzonzobila abagubungele.Behlela ezinzulwini njengelitye.

6. Isandla sakho sokunene, Yehova, sivethe amandla;Isandla sakho sokunene, Yehova, sivikiva utshaba.

7. Ngobukhulu bobungangamsha bakho ubagungxule abachasi bakho;Ukhupha ukuvutha kwakho, kubadle bona njengeendiza.

8. Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi,Yema njengemfumba imiqukuqela.Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.

9. Lwathi utshaba,Ndiyasukela, ndiyafumana,Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo;Ndirhola ikrele lam, síya kubagqogqa isandla sam.

10. Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle;Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.

11. Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele,Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?

12. Wòlula isandla sakho sokunene,Umhlaba uyabaginya.

13. Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo.Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.

14. Zivile izizwe, ziyangqunga,Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,

15. Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom;Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela,Bathá amandla bonke abemi belakwaKanan.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 15