Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 15:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom;Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela,Bathá amandla bonke abemi belakwaKanan.

16. Bawelwa kukudenga nakukunkwantya,Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye,Bade badlule abantu bakho, Yehova,Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.

17. Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho,Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova,Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.

18. UYehova uya kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.

19. Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.

20. UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.

21. Wawaphendula uMiriyam wathi,Vumani keYehova, kuba enobungangamsha obukhulu;Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.

22. UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.

23. Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.*

24. Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.

25. UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.

26. Wathi, Ukuba ùthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.

27. Bafika e-Elim, apho kwaye kukho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi osixhenxe, bazimisa iintente khona ngasemanzini.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 15