Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.