Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 12:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron ezweni laseYiputa, wathi,

2. Le nyanga kuni iyintloko yeenyanga; kuni yeyokuqala ezinyangeni zomnyaka.

3. Thethani kwibandla lonke lakwaSirayeli, nithi, Ngolweshumi usuku kule nyanga elowo makazithabathele ixhwane, ngokwenzindlu zooyise, ixhwane ngendlu.

4. Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni.

5. Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni.

6. Nize niligcine kude kube lusuku lweshumi elinesiné lwale nyanga, sílixhele ke sonke isikhungu sebandla lakwaSirayeli lakutshona ilanga;

7. bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo;

8. bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra.

9. Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwé ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo.

10. Nize ningasalisi ndawo yalo kude kusé; okuseleyo kulo kwada kwasa nòkutshisa ngomlilo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 12