Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 32:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wamkhokela uYehova yedwa,Engenathixo wolunye uhlanga naye.

13. Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi;Wadla ke iziveliso zamasimi;Wammunyisa ubusi engxondorheni,Neoli eweni leqhwitha;

14. Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane,Kunye namanqatha eemvana;Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan, neebhokhwe,Kunye namanqatha ezintso zengqolowa;Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.

15. Watyeba ke uYeshurun, wakhaba;Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi;Wamlahla uThixo owamenzayo,Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.

16. Bamkhweletisa ngoothixo basemzini,Bamqumbisa ngamasikizi.

17. Babingelela kwiidemon ezingeThixo,Koothixo abangabaziyo,Kwabatsha abasandula ukufika,Ababengabahlonele ooyihlo.

18. ILiwa elakuzalayo walihilizela,Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.

19. Wabona uYehova, wabalahla,Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.

20. Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo,Ndibòne ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo;Ngokuba basisizukulwana sempenduka,Ngoonyana abangenantembeko.

21. Bona bandikhweletisa ngongeThixo,Bandiqumbisa ngamampunge abo.Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu,Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.

22. Ngokuba kuphenjwé umlilo emathatheni am;Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo,Ulidle ihlabathi neendyebo zalo,Uvuthise iziseko zeentaba.

23. Ndiya kufumba ububi phezu kwabo,Iintolo zam ndiziphelelisele kubo;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 32