Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 9:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ukuba ke ngoko nenzé ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenzé ukumkani nje, ukuba nenzé okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;

17. (ekubeni ubawo wanilwelayo, wawulahlayo umphefumlo wakhe, wanihlagulayo esandleni samaMidiyan;

18. ke nina nisuke nayivunukela indlu kabawo namhla, nababulala oonyana bakhe, amadoda angamashumi asixhenxe, tyeni linye, namenza ukumkani wabemi bakwaShekem uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ngokuba engumzalwana wenu);

19. ukuba ke nenzé ngenyaniso nangokugqibeleleyo namhla kuYerubhahali nakwindlu yakhe: vuyani ke ngoAbhimeleki, avuye naye ngani.

20. Ukuba akunjalo, makuphume umlilo kuAbhimeleki, ubadle abemi bakwaShekem nendlu yeMilo, uphume umlilo kubemi bakwaShekem nakwindlu yeMilo, umdle uAbhimeleki.

21. Wabaleka ke uYotam, wasaba, waya eBhere, wahlala khona ngenxa ka-Abhimeleki umzalwana wakhe.

22. UAbhimeleki waba ngumthetheli wamaSirayeli iminyaka emithathu.

23. UThixo wathuma umoya ombi phakathi koAbhimeleki nabemi bakwaShekem, bamkhohlisa uAbhimeleki abemi bakwaShekem;

24. ukuze ukungonyanyelwa koonyana abangamashumi asixhenxe bakaYerubhahali kufike, igazi labo libekwe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo, owababulalayo, naphezu kwabemi bakwaShekem, abasomelezayo isandla sakhe, wababulala abazalwana bakhe.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 9