Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 8:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke, uElisha wayethethile kwintokazi leyo, wayephilise unyana wayo, esithi, Suka uhambe, wena nendlu yakho, uphambukele apho ungáphambukela khona; ngokuba uYehova ubize indlala; kananjalo iya kulifikela ilizwe iminyaka esixhenxe.

2. Yayisukile ke intokazi leyo, yenza ngokwelizwi lomfo wakwaThixo, yahamba yona nendlu yayo, yaphambukela ezweni lamaFilisti iminyaka esixhenxe.

3. Ke kaloku kwathi ekupheleni kweminyaka esixhenxe leyo, yabuya loo ntokazi ezweni lamaFilisti; yaphuma yaya kuzibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani.

4. Ke kaloku ukumkani ubethetha noGehazi, umkhonzi womfo wakwaThixo, esithi, Khawundibalisele zonke izinto ezinkulu azenzileyo uElisha.

5. Kwathi, esamxelela ukumkani ukuphilisa kwakhe umntu owayeselefile, kwabonakala laa ntokazi, abephilise unyana wayo, izibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani. Wathi uGehazi, Nkosi yam, kumkani, yiloo ntokazi ke le, nguloo nyana wayo waphiliswayo nguElisha ke lo.

6. Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.

7. Weza uElisha eDamasko. UBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram,* waye esifa. Kwathiwa kuye, Umfo wakwaThixo ufikile apha.

8. Wathi ukumkani lowo kuHazayeli, Phatha umnikelo ngesandla sakho, uye kumkhawulela umfo wakwaThixo lowo, ubuzise kuYehova ngaye, uthi, Ndiya kuphila na kwesi sifo?

9. UHazayeli waya kumkhawulela, waphatha umnikelo ngesandla sakhe, nento yonke elungileyo yaseDamasko, imithwalo yeenkamela ezimashumi mané. Waya, wema phambi kwakhe, wathi, Unyana wakho uBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram, undithumele kuwe, esithi, Ndiya kuphila na kwesi sifo ndinaso?

10. Wathi uElisha kuye, Hamba uye kuthi, Ungáphila; koko uYehova undibonisile ukuba, inene, uya kufa.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 8