Ke, uElisha wayethethile kwintokazi leyo, wayephilise unyana wayo, esithi, Suka uhambe, wena nendlu yakho, uphambukele apho ungáphambukela khona; ngokuba uYehova ubize indlala; kananjalo iya kulifikela ilizwe iminyaka esixhenxe.