Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.