Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 24:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani weBhabheli. UYehoyakim waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu, wabuya wagwilika kuye.

2. UYehova wamthumela izimpi zamaKaledi, nezimpi zama-Aram,* nezimpi zakwaMowabhi, nezimpi zoonyana baka-Amon, wazithumela elakwaYuda, ukuba zilitshabalalise ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti.

3. Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo;

4. nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela.

5. Ezinye izinto zikaYehoyakim, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

6. Walala uYehoyakim kooyise; uYehoyakin, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

7. Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe; ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati.

8. UYehoyakin ubeminyaka ilishumi elinesibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zantathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguNehushta, intombi kaElinatan waseYerusalem.

9. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njegako konke awakwenzayo uyise.

10. Ngelo xesha benyuka abakhonzi bakaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, beza eYerusalem; wangqingwa umzi lowo.

11. Wawufikela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, bewungqingile abakhonzi bakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 24