Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 20:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wabeva uHezekiya, wababonisa yonke indlu yakhe yengqwebo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yeentonga zakhe, nento yonke eyayikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe, nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.

14. Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? Abevela ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Abevela ezweni elikude eBhabheli.

15. Wathi, Aboné ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.

16. Wathi uIsaya kuHezekiya, Líve ilizwi likaYehova.

17. Uyabona, kuza imihla eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebáyo ooyihlo kwada kwayile mini, ithwalèlwe eBhabheli, kungasali nto, utsho uYehova;

18. bathabàthe nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.

19. Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo. Wathi, Akunjalo na ukuba kuya kubakho ukuxola nokunyanisa ngeyam imihla?

20. Ezinye izinto zikaHezekiya, nobugorha bakhe bonke, nokwenza kwakhe ichibi nomjelo, nokuwangenisa kwakhe amanzi kuwo umzi, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 20