Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 18:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli; emveni kwakhe akubangakho unjengaye phakathi kookumkani bonke bakwaYuda, naphakathi kwabo babekho ngaphambi kwakhe.

6. Wanamathela kuYehova; akatyeka ekumlandeleni; wayigcina imithetho abethé uYehova wayiwisela uMoses.

7. UYehova waba naye; wenza ngengqiqo ezintweni zonke aziphumeleyo. Wagwilika kukumkani waseAsiriya, àkamkhonza.

8. Yena wawaxabela amaFilisti, wada wesa eGaza nasemdeni wayo, wathabathela enqabeni yababoniseli, wesa emzini onqatyisiweyo.

9. Kwathi ngomnyaka wesiné wokumkani uHezekiya (lowo ngumnyaka wesixhenxe kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli), wenyuka uShalemanesere, ukumkani waseAsiriya, wawufikela umzi wakwaSamari, wawungqinga.

10. Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari.

11. Ukumkani waseAsiriya wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi,

12. ngenxa enokuba engaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wawo; esuka awugqitha umnqophiso wakhe, nako konke awawisa umthetho ngako uMoses umkhonzi kaYehova; akeva, akenza.

13. Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinesiné wokumkani uHezekiya, wenyuka uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi enqatyisiweyo yakwaYuda, wayithabatha.

14. UHezekiya ukumkani wakwaYuda wathumela kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi, Ndonile, buya umke kum; othe wakubeka phezu kwam ndokuthwala. Waza ukumkani waseAsiriya wabeka phezu koHezekiya ukumkani wakwaYuda amakhulu omathathu eetalente zesilivere,* namashumi omathathu eetalente zegolide.*

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 18