Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 22:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.

2. UAhaziya ubeminyaka imashumi mané anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAtaliya, intombi kaOmri.

3. Kananjalo yena wahamba ngeendlela zendlu ka-Ahabhi; ngokuba unina ubengumcebisi wakhe, ukuba enze okungendawo.

4. Wenza ububi emehlweni kaYehova, njengendlu ka-Ahabhi; ngokuba babengabacebisi bakhe bona emva kokufa kukayise, bemonakalisa.

5. Kananjalo wahamba ngecebo labo. Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, waya kulwa noAzayeli ukumkani wama-Aram,* eRamoti yaseGiliyadi; ama-Aram, amngxwelerha uYehoram.

6. Wabuya, eza kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumana eRama, ekulweni kwakhe noAzayeli ukumkani wama-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.

7. Kwaphuma kuThixo ukutyunyuzwa kuka-Ahaziya, ngokuthi eze kuYehoram. Ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram; baya kuYehu unyana kaNimshi, awamthambisayo uYehova ukuba ayinqamle indlu ka-Ahabhi.

8. Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 22