Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.