Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 13:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amané amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.

4. Wesuka wema uAbhiya entabeni yeTsemarim, ekweleentaba lakwaEfrayim, wathi, Ndiphulaphuleni, wena Yarobheham, nani maSirayeli nonke;

5. aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?

6. Wesuka uYarobheham unyana kaNebhati, umkhonzi kaSolomon unyana kaDavide, wagwilika kwinkosi yakhe;

7. wabuthela kuye amadoda angenabuntu, angamatshijolo, aziqinisa, amchasa uRehabheham unyana kaSolomon; uRehabheham engumfana ontliziyo ithambileyo, engomelele phambi kwabo.

8. Ngoku ke nithi niya komelela phambi kobukumkani bukaYehova, obusesandleni soonyana bakaDavide; niyingxokolo eninzi nje, ninamathole egolide, awanenzelayo uYarobheham ukuba abe ngoothixo.

9. Anibagxothanga yini na ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron, nabaLevi; nazenzela ababingeleli njengezizwe zamanye amazwe? bada bonke abo baza kuzimisela ngenkunzi elithole lenkomo, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, benziwa ababingeleli kwabangethixo.

10. Ke thina, nguYehova uThixo wethu: asimshiyanga; ababingeleli abalungiselela kuYehova ngoonyana baka-Aron;

11. nabaLevi basemsebenzini wabo, beqhumisela kuYehova ngamadini anyukayo imisó ngemisó, ukuhlwa ngokuhlwa, nangesiqhumiso esimnandi; nokucwangcisa izonka etafileni ehlambululekileyo; nesiphatho segolide, nezibane sazo zilunyekwa ukuhlwa ngokuhlwa; ngokuba thina siyasigcina isigxina sikaYehova uThixo wethu; ke nina nimshiyile.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 13