Niyabona, unathi eyintloko uThixo, nababingeleli bakhe banathi, namaxilongo okuduma, ukuba anivuse. Nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova uThixo wooyihlo; ngokuba aniyi kuba nampumelelo.