Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 26:6-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.

7. Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe; ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.

8. Wathi uAbhishayi kuDavide, UThixo ulunikele namhla utshaba lwakho esandleni sakho; kaloku makhe ndimqhame nomhlaba ngentshuntshe ngasihlandlo sinye, ndingenzi zibe zibini kuye.

9. Wathi uDavide kuAbhishayi, Musa ukumbulala; ngokuba ngubani na ongasa isandla kumthanjiswa kaYehova, aze abe msulwa?

10. Wathi uDavide, Ehleli nje uYehova, ukuba akathanga uYehova ambulale, mhlawumbi kwafika imini yakhe wafa, mhlawumbi wehla waya emfazweni wabulawa:

11. makube lee kum ngenxa kaYehova ukukha ndise isandla sam kumthanjiswa kaYehova. Khawuthabathe kaloku intshuntshe engasentlokweni yakhe, neselwa lamanzi, sihambe.

12. Wayithabatha ke uDavide intshuntshe, neselwa lamanzi, engasentlokweni kaSawule; bemka, kungaboni mntu, kungazi mntu, kungavukanga mntu; ngokuba bonke babelele: kuba babewelwe bubuthongo obukhulu bukaYehova.

13. Wawela uDavide, waya phesheya, wema encotsheni yentaba kude, lilikhulu ithuba phakathi kwabo.

14. Wamemeza uDavide ebantwini nakuAbhinere unyana kaNere, esithi, Akuphenduli na, Abhinere? Waphendula uAbhinere, wathi, Ungubani na wena umemezayo kukumkani?

15. Wathi uDavide kuAbhinere, Àkuyiyo ndoda yini na? Ngubani na onjengawe kwaSirayeli? Yini na ke ukuba ungayigcini inkosi yakho ukumkani? Ngokuba kufike ubani wasebantwini, eza konakalisa ukumkani inkosi yakho.

16. Asinto ilungileyo le uyenzileyo. Ehleli nje uYehova, ningoonyana bokufa, ningayigcinanga nje inkosi yenu, umthanjiswa kaYehova. Khangela kaloku, iphi na intshuntshe yokumkani, neselwa lamanzi elibe lingasentlokweni yakhe?

17. Walazi uSawule ilizwi likaDavide, wathi, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? Wathi uDavide, Lilizwi lam, nkosi yam kumkani.

18. Wathi, Yini na le nto inkosi yam imsukelayo umkhonzi wayo? Kuba ndezé ntoni na? Bubi buni na obusesandleni sam?

19. Ngoko inkosi yam ukumkani mayikhe iwaphulaphule amazwi omkhonzi wayo. Ukuba nguYehova okuxhokonxileyo ngakum, makasezele umnikelo wokudla; ukuba ngoonyana babantu, mabaqalekiswe phambi koYehova. Ngokuba bandigxothile namhla, ukuba ndingahlangani nelifa likaYehova, bathi, Hamba ukhonze thixo bambi.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 26